Uisaya 3:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanko ke *uNdikhoyo onamandla onke!EJerusalem nakwaJuda ubhubhisa yonke intookwakuyinkxaso nesixhaso.Uza kutshayela kuthi tuukutya ngokunjalo namanzi.

2. Asisathethi ke ngamagorha namajoni,abagwebi kwakunye *nabashumayeli,oosangoma ngokunjalo neenkunkqela,

3. iingqwayi-ngqwayi zomkhosi noosomaqhuzu,amaphakathi nawo onke amachule,abakhafuli kanti nabemilingo.

4. UNdikhoyo uya kubayekela abantu balawulwe ngamakhwenkwe,amagosa abo abe ngabantu abangenankathalo.

5. Kaloku abantu baya kuxhaphazana,ibe nguwashiywa nowashiywa,nakubamelwane kube kwanjalo,nabantwana bangabahloneli abadala,nabaphantsi bangazikhathaleli izihandiba.

6. Ewe, liyeza ixesha apho abendlu enye baya kunyanzelana bathi:“Ngokuba wena unawo nomnwebangoko ke sikhokele kuwo lo mbodamo.”

7. Kambe ke lowo uya kuphendula athi:“Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna.Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho;ngoko ke andinako ukunikhokela.”

Uisaya 3