Uisaya 29:5-16 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kodwa ke iintshaba zakho zovuthululwa njengothuli,imikhosi eyomeleleyo itshayelwe njengomququ.Ngethuba elingephi, ngephanyazo,

6. uNdikhoyo uSomandla-onke uya kukuhlangula;uya kutsho ngentswahla yeendudumo nenyikima,ibe sisivungu-vungu esigquthezayo,umlilo nedangatye elilenyezayo.

7. Yonke imikhosi yezizwe ezihlaselayo,ezihlasela iAriyeli,izixhobo nezikrweqe zazo konke nje,koba njengephupha,njengombono wasebusuku.

8. Kofana nomfo olambileyo ephupha,engathi uyatya, kodw' akuvuk' usalambile;okanye umntu othe khothe lunxano,ophuph' esela, phof' avuke esanxaniwe.Koba njalo ke ukuphoxeka kwemikhosi yezizweleyo ihlasela intaba yeZiyon.

9. Zithwangeni nitsho nibe zizityhakala;zimfamekiseni ke, nitsho nimfameke;nxilani, noba anikhange nibufake;gxadazelani, ningaselanga tywala.

10. *UNdikhoyo unitsho nangamayosi-yosi;unitsho nayeketheka bubuthongo.Kaloku amehlo enu avalekile,neentloko zenu zincithekile;ewe, abashumayeli benu ababoni, abaqiqi.

11. Intsingiselo yemibono iya kufihlakala kuni, ifane nencwadi ecikiweyo. Niya kuthi nakuyisa kwabo baziyo, nisithi: “Khanisifundele,” bathi: “Asinako, kuba itywiniwe.”

12. Nothi ke nakuyinika umntu ongafundanga ukuba anifundele, aphendule athi: “Andikwazi ukufunda.”

13. Suka ke iNkosi yathi:“Aba bantu basondela kum ngomlomo,bandihlonela ngalo umpaku-mpaku;iintliziyo zabo zona zikude lee,inkolo yabo imi ngeziqhelo kuphela.

14. Ngoko ke mna ndosuka ndiphinde ndibancithe ngesishiqi phezu kwesithwakumbe,nobulumko beengqondi butsho buthi shwaka,nobungcaphephe bamaqili butsho bunyamalale.”

15. Asazi ke kwabo bazifihlayo –kunyembelekile kwabafihlela *uNdikhoyo iinjongo zabo,kwabo benza izinto ebumnyameni,besithi: “Ngubani oya kusibona? Ngubani oya kusazi?”

16. Iinto zonke bona bayazibhukuqa:kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona?Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”?Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

Uisaya 29