Uisaya 29:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kaloku kukho isimbo esithi:“Amahlathi aseLebhanon ojika abe ngumyezo weziqhamo,ke wona umyezo ube ngamahlathi.”

18. Ngaloo mini ke nesithulu siya kuva;siya kuweva amazwi afundwa encwadini.Nemfama ehlala esithokothokweni sobumnyamaovuleka amehlo ayo, itsho ibone.

19. Nabo bangazelwe nto uNdikhoyo uya kubavuselela ngolonwabo;abahlelelekileyo boba nemihlali ngoYedwa kaSirayeli.

20. Eso soba sisiphelo seendlobongela,batsho banqamke abamgxekayo uThixo,nabaququzeleli bobubi batsho baphele.

21. Baya kutshabalala abaphixanisayo;konyembeleka kwabacupha abantu ngobugqwetha;abo bajika ubulungisa ngobuxoki,bacudulele abantu abamsulwa.

22. Ngoko ke ngoku uNdikhoyo owakhulula uAbraham uthi mayela nendlu kaYakobi:“UYakobi akaphindi abe semahlazweni,engasoze aphinde abuye anxube!

23. Akubona inzala endiya kumpha yona,abantwana abangumsebenzi wam,uya kutsho avume athi mna ndinguYedwa kaYakobi.Ngenene, uya kundihlonela,akhahlele kum, mna Thixo kaSirayeli,alidumise igama lam elilodwa.

24. Nabo banxaxhileyo bofumana ingqiqo,nabo bambombozelayo bayamkele ingqeqesho.”

Uisaya 29