Uisaya 27:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kusebenzisa elo krele lakhe ligeqayo, ayohlwaye inabulele, alibulale elo gongqongqo lijubalaze libhinyalaze elwandle.

2. Ngelo thuba ke *uNdikhoyo uya kuthi:“Yinzwakazi yesidiliyazana, khanintyontyele!

3. Mna Ndikhoyo ndingumalusi waso,mna ndisinkcenkceshela rhoqo;nangobhadakazi andilali, ndalusa sona,hleze ubani asonakalise.

4. Ngoku umsindo wam uthothile.Akwaba ebekho ameva, ngendiwatshisa;ewe, bendiya kulwa nawo ngenene.

5. Zona iintshaba mazizimele kum,mazizabalazele uxolelaniso;ngenene mazicele uxolo.”

6. Ngemihl' ezayo uYakobi uya kumila;ewe, uSirayeli uya kudubula aqhakaze;ilizwe lophuphuma yimveliso yakhe.

7. USirayeli noko yena akohlwaywanga kangako,noko akafaniswanga neentshaba zakhe,akatshatyalaliswanga njengabagwinti bakhe.

8. Yena wohlwaywe ngokuthinjwa,suka yena wafuduswa ngesaqhwithikazi somoya,njengeso somoya wasempuma.

Uisaya 27