Uisaya 26:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Indlela yamalungisa ngumthebelele;wena othe ngqo uyayilungiselelanisa indlela yawo.

8. Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,sihlala sijonge kuwe;umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

9. Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.Xa ulohlwaya ihlabathiabemi balo bafunda ngobulungisa.

10. Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali;kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa.Sona siyona nakwilizwe lamalungisa;asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.

11. Abachasi bakho, Ndikhoyo, abaqondi ukuba uyohlwaya;bahlazise ubayekele ngeenzima.Masibe phezu kwabo isohlwayo,ubabonise ikhwele onalo ngabantu bakho.

12. Ndikhoyo, wena usithe jize ngenzolokuyo yonke imisebenzi yethu;ewe, konke sisiqhamo sokwenza kwakho.

13. Ewe, Ndikhoyo Thixo wethu,nokuba besingade silawulwe ngabanyekodwa thina sikhahlela kuwe.

14. Ngoku ke bafile, kuphelil' okwabo;ewe, bona soze babuye bavuke.Kaloku wena ubavelele ngentshabalalo;usuke wabaphosa kwelokulibala.

15. Usikhulisile isizwe sethu, Ndikhoyo,wayongeza okunene nemida yesizwe.Ngoko ke uzuze isihomo nesithozela.

16. Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,suka bakhala bazibika kuwe.

17. Ewe, usitsho sanga ngumfazi,nditsho ojutyalaziswa yinimbalakuba lifikile ixesha lakhe,nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena

18. phambi kwakho, Ndikhoyo.Suka saphithizela ngathi siyalunywa,phofu kuthe kanti yigalimoya.Kaloku asiluhambisanga usindiso;asibandisanga abantu emhlabeni.

Uisaya 26