Uisaya 26:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ewe, Ndikhoyo Thixo wethu,nokuba besingade silawulwe ngabanyekodwa thina sikhahlela kuwe.

14. Ngoku ke bafile, kuphelil' okwabo;ewe, bona soze babuye bavuke.Kaloku wena ubavelele ngentshabalalo;usuke wabaphosa kwelokulibala.

15. Usikhulisile isizwe sethu, Ndikhoyo,wayongeza okunene nemida yesizwe.Ngoko ke uzuze isihomo nesithozela.

16. Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,suka bakhala bazibika kuwe.

17. Ewe, usitsho sanga ngumfazi,nditsho ojutyalaziswa yinimbalakuba lifikile ixesha lakhe,nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena

18. phambi kwakho, Ndikhoyo.Suka saphithizela ngathi siyalunywa,phofu kuthe kanti yigalimoya.Kaloku asiluhambisanga usindiso;asibandisanga abantu emhlabeni.

19. Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo,bona bobuya bavuke;kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi –nditsho bonke abalinde emadlakeni,bothi khwaphululu batsholoze ngemincili.Njengombethe unyephisa umhlabauNdikhoyo ke uya kwenjenjaloukubavusa abo basishiya mandulo.

Uisaya 26