7. Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.
8. Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.
9. Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.
10. Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.
11. Ezitalatweni phaya balilela utywala;imivuyo yabo ijike yakukudakumba;imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.
12. Isixeko ngoku sisele singamabobosi,nesango likroboke lavuthuluka.
13. Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.
14. Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;entshona baya kuduma bakhahlelengenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;bothi: “Bayethe!”
15. Nina basempuma, yitshoni ngendumasi;nani baselunxwemeni, dombozani nibonge uNdikhoyo;ewe, mdumiseni uThixo kaSirayeli.
16. Ingoma yezibongo ivakala eziphelweni zehlabathi:“Hayi, ubungangamsha baLowo ulilungisa!”Athi ke mna – kuxa bendiyintoni na kakade!Ewe, kunyembelekile, akukho yam kwaphela!Abangcothozi bona benza ngokungcothoza;ngokungcatsha kwabo abangcatshi bayangcotsha.
17. Yeha ke nina, bemi bahlabathi,anikho kukunkwantya imigibe nenzonzobila!