Uisaya 24:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uza kulibharhis' ihlabathi;uya kubetha kutsho kube senkangala;uya kulitsho lenz' uqulukubhode,abemi balo bona babe ziintsali.

2. Akayi kukhetha bani;kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.Kofana kumbingeleli nakwibandla,ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,kumthengi nakulowo uthengisayo;kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,kwizityebi nakwabo balambileyo.

3. Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

4. NĂ¢lo ihlabathi lirhawuka, litshaza.Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.

5. Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.

6. Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,nabemi balo ke libambethe ityala.Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.

7. Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.

8. Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.

9. Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.

Uisaya 24