8. Kodwa kodwa ngubani umcebi wale ntlekele;ifakwe ngubani iTire kulo mgxobhozo,yona eyayikade iphaka iimbasa?Abarhwebi bayo fudula ingamatshawe;hay' isidima sabo ehlabathini jikelele!
9. *NguNdikhoyo uSomandla-onke oyicebileyo,khon' ukuze aliphelise ikratshi labo,lutsho ludake udumo lwabaziwayo.
10. Sarhakani niwulime umhlaba njengaseJiputa,nditsho kuni, maTashishe.Kaloku akusekho zibuko eTire.
11. UNdikhoyo usolule isandla sakhesawel' ulwandle, zangcangcazel' izikumkani.Ugunyazisile mayela nelamaKanana;iinqaba zakhona ziza kudilizwa.
12. UNdikhoyo wathi kwiSidon:“Liphelil' ixesha leziyolo, Sidon;ubuntombi bakho bonakele.Ningade nisabele kwelamaKiti,kodwa nalapho akukho buyambo.”
13. Khangelani elamaKaledi,namhlanje alisento yanto.Ama-Asiriya alenza laphutha,latsho layintlango yezilwanyana.Suka balirhawula neemboniselo zalo,avuthulula zinqaba,alitsho langamabhodlo.
14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTashishe,inqaba elithemba lenu itshabalele!
15. Yona iTire ihlalele ukungena kwelokulibala. Yoba sisixhenxe samashumi eminyaka ingasakhunjulwa, xesha elo ke libubomi bokumkani. Emva kwaloo minyaka ke iTire kuya kuculwa ngayo njengehenyukazi, kuthiwe:
16. “Thath' isigingci ujikelez' isixeko,henyukazindin' eselide laphutha.Sikhalise untyiloze ngengoma kwakhona,ukuze ubuye udle ngendeb' endala.”
17. Emva kwaloo minyaka ingamashumi asixhenxe uNdikhoyo iTire woyibuyisela kwaushishino lwayo lwamandulo, uhenyuzo, ize iziqeshise kuzo zonke izikumkani zehlabathi.
18. Loo mali ke iyizuze kwezorhwebo iya kuyinikela kwezikaNdikhoyo. Ewe, loo mali ayiyi kugcinwa, koko iya kusetyenziswa ngâbo banqula uNdikhoyo, bathenge ukutya nezingayiwayo izinxibo.