11. UNdikhoyo usolule isandla sakhesawel' ulwandle, zangcangcazel' izikumkani.Ugunyazisile mayela nelamaKanana;iinqaba zakhona ziza kudilizwa.
12. UNdikhoyo wathi kwiSidon:“Liphelil' ixesha leziyolo, Sidon;ubuntombi bakho bonakele.Ningade nisabele kwelamaKiti,kodwa nalapho akukho buyambo.”
13. Khangelani elamaKaledi,namhlanje alisento yanto.Ama-Asiriya alenza laphutha,latsho layintlango yezilwanyana.Suka balirhawula neemboniselo zalo,avuthulula zinqaba,alitsho langamabhodlo.
14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTashishe,inqaba elithemba lenu itshabalele!
15. Yona iTire ihlalele ukungena kwelokulibala. Yoba sisixhenxe samashumi eminyaka ingasakhunjulwa, xesha elo ke libubomi bokumkani. Emva kwaloo minyaka ke iTire kuya kuculwa ngayo njengehenyukazi, kuthiwe:
16. “Thath' isigingci ujikelez' isixeko,henyukazindin' eselide laphutha.Sikhalise untyiloze ngengoma kwakhona,ukuze ubuye udle ngendeb' endala.”