Uisaya 22:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Suka ke yangufohle-fohle novithe-vithe;kaloku amaxhadi kaJuda afadalele!Kuthe ke kwakuba njesuka nina naya kulanda izixhobophaya eBhete-yahare.

9. Nasibona isixeko sikaDavide,nâso siphanjwe ziintanda.Nagcina amanzi kwiqula elingezantsi,

10. nazijonga izakhiwo zaseJerusalem,suka nazichitha ezinye zazoukuze nilungise ngazo udonga lwesixeko.

11. Apha ngaphakathi esixekweninakha iqula elinguvimba,nisenzela ukulondoloza amanzilawo aphuma kweliya lidala.Kambe ke kuyo yonke loo ntotu ukuziduba ngalowo ungumcwangcisi –animkhathalelanga lowo wayisekayo kwamandulo.

12. Ngelo thuba iNkosi uNdikhoyo onamandla onkeuthe efuna nihlahlambe nitshw' esikrakra,xa ebesithi niza kugugula nitsho ngezokuzila.

13. Suka nina naguya nabhiyoza,naxhela zigusha zinkomo kwanjeya;natya nenyama, nalebela ngotywala, nisithi:“Masonwabe sitye sisele;ikakade siyafa ngomso!”

Uisaya 22