23. Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo.
24. Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”
25. Ewe, uNdikhoyo onamandla onke wathi: “Kuya kuthi kwakuba njalo isikhonkwane ebesiqinile sitsho sixenga-xenge side siwe. Eso ke iya kuba sisiphelo sayo yonke into ejinga kuso.” Kaloku uthethile uNdikhoyo.