Uisaya 22:23-25 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo.

24. Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”

25. Ewe, uNdikhoyo onamandla onke wathi: “Kuya kuthi kwakuba njalo isikhonkwane ebesiqinile sitsho sixenga-xenge side siwe. Eso ke iya kuba sisiphelo sayo yonke into ejinga kuso.” Kaloku uthethile uNdikhoyo.

Uisaya 22