Uisaya 22:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. nazijonga izakhiwo zaseJerusalem,suka nazichitha ezinye zazoukuze nilungise ngazo udonga lwesixeko.

11. Apha ngaphakathi esixekweninakha iqula elinguvimba,nisenzela ukulondoloza amanzilawo aphuma kweliya lidala.Kambe ke kuyo yonke loo ntotu ukuziduba ngalowo ungumcwangcisi –animkhathalelanga lowo wayisekayo kwamandulo.

12. Ngelo thuba iNkosi uNdikhoyo onamandla onkeuthe efuna nihlahlambe nitshw' esikrakra,xa ebesithi niza kugugula nitsho ngezokuzila.

13. Suka nina naguya nabhiyoza,naxhela zigusha zinkomo kwanjeya;natya nenyama, nalebela ngotywala, nisithi:“Masonwabe sitye sisele;ikakade siyafa ngomso!”

14. UNdikhoyo uSomandla-onke uthethe nam wathi:“Ngenene obu bubi abuyi kuxolelwa.”Ewe, ufunge wathi kode kufiwe kunjalo.Utshilo ke uMhlekazi uNdikhoyo uSomandla-onke!

15. Ke iNkosi *uNdikhoyo uSomandla-onke yandiyalela ukuba ndiye kuShebhena, usomaqhuzu wakomkhulu, ndifike ndithi kuye:

16. “Uyintoni apha? Khona ulithatha phi ilungelo lokuzikrolela ingcwaba kule nduli inezawana?

17. Ingade ibe ngathi usisikhulu, kodwa yena uNdikhoyo uya kusuka akuthi hlasi, akulahle kude.

18. Ewe, uya kukuthatha ube ngathi uyibhola, akutshukutshele kwilizwekazi elikhulu. Uya kufela ngakwezi nqwelo uzidla ngazo, ntondini ihlazisa umzi wenkosi yayo!

19. UNdikhoyo uza kukukhiqa kwesi sihlalo ukuso, utsho uwe bhaxa.”

20. INkosi yaqhuba yathi: “Kuya kuthi ke kwakuba kunjalo, ndibize isicaka sam uEliyakim unyana kaHilekiya.

21. Ndiya kuwunika yena umnweba osisivatho sakho, ndawonye nebhanti obhinqa ngayo, nawo onke amagunya onawo. Ke yena uya kuba nguyise kubantu baseJerusalem nabakwaJuda.

22. Yena ndiya kumnika lonke ulawulo kumzi kaDavide. Ngenene uya kuba ngunozitshixwana, abe yinqwayi-ngqwayi evula kungavali mntu, into evala kungabikho mntu unokuvula.

23. Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo.

24. Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”

Uisaya 22