11. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDuma:Kukho obiza eSeyire:“Khawutsho, mlindi, buntangani obu busuku?Khawundixelele, kuxesha liphi ebusuku?”
12. Umlindi uphendula athi:“Sekumbovu kuse, kodwa ubusuku buyeza kwakhona.Xa usenomkro ungabuza;ewe, uze ubuye ubuze kwakhona.”
13. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela nelama-Arabhu:Nina barhwebi baseDedanabaxhwarhe kumahlathi elama-Arabhu,
14. abo banxaniweyo baphen' amanzi;nina bantundini baseTema,ziphen' ukutya iimbacu.
15. Kaloku zizisindisa kuloo mikhonto,leyo seyirholwe yada yajoliswa,ngokunjalo nezo ntolo zingxashiweyo,ewe, zipheph' ifuthe lemfazwe.
16. INkosi ke ithethe nam yenjenje: “Kwisithuba sonyaka ninyamezele ubukhulu nodumo lweentlanga zamaKedare luya kunqamka.
17. “Kwezo ncushe zamaKedare adubula ngeentolo kuya kusala iingqandandana nje. Ewe, kuya kuba njalo, kuba nditshilo mna *Ndikhoyo Thixo wamaSirayeli.”