Uisaya 20:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ukumkani waseAsiriya uya kubanxula bezé abathinjwa ababambe kwezo zizwe zozibini. Ewe, abadala nabanci baya kubhadaza ngeenyawo, bambethe ingubo yesele – nto leyo iya kuzisela iJiputa ishwangusha.

5. Abo bathembele ngeKushe nabo baqhayisa ngeJiputa baya kuphoxeka badideke.

6. Ngelo thuba ke abemi bommandla wonxweme lwaseFilistiya baya kuthi: ‘Niyayibona ke into eyehlele aba bantu besithembe ukukhuselwa ngabo kukumkani waseAsiriya! Kodwa kodwa siya kusinda njani?’ ”

Uisaya 20