1. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi waseAsiriya yagunyaziswa nguSargon ukumkani wakhona, yaza yahlasela isixeko samaFilistiya iAshdode, yasithimba.
2. Ngelo xesha *uNdikhoyo wayalela uIsaya unyana ka-Amozi, wathi: “Zikhulule iimpahla ozinxibileyo zokuzila, ndawonye neembadada zakho.” Ngokwenene ke wawuthobela loo myalelo, waza wahamba ze.