Uisaya 2:5-16 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngoko ke, nzala kaYakobi,yizani sihambe ngokukhanya okuvela kuNdikhoyo!

6. Kambe ke wena, Thixo wethu,ubalahlile abantu bakho,nditsho indlu kaSirayeli!Kaloku bathene nca nezangoma –ezasempuma nezo zaseFilistiya –bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.

7. Nelizwe labo liphuphum' isiliva negolide;ubutyebi babo abunambaliso.Nomhlaba wabo uzele ngamahashe;yinyambalala iinqwelo zabo zemfazwe.

8. Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;banqula umsebenzi wezandla zabo.

9. Ewe, uluntu luphuthile,ngenene abantu bahlazekile.Ngoko ke ungaze ubaxolele!

10. Ke bona baya kuzifaka emaweni,bazimele baziqhusheke nasemhlabeni,kuba besoyika ingqumbo *kaNdikhoyo,bebaleka ukukhazimla kobungangamsha bakhe.

11. Ikratshi lomntu lihlalele ukuphuthiswa,nokukhukhumala kwakhe kuthotywe.Ngaloo mini ke nguNdikhoyo yedwa oya kubalasela.

12. Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uwumisile umhla wembubho;baya kuthi shuu abanekratshi nabaziphakamisayo,nditsho abaqwanyileyo nabaqhoshayo.

13. Uya kuyincothula naloo misedare mide yaseLebhanon,ayitoncule naloo mioki yaseBhashan.

14. Uya kuzibhukuqa neenkaba-nkaba zeentaba,azilebele neencochoyi zeenduli.

15. Andisathethi ke ngeemboniselo eziziinkelekethe.Koba njalo ke nakuzo zonke iinqaba.

16. Iinqanawa zokurhweba wozitshonisa,ade antywilisele nezakhiwe ngobugcisa.

Uisaya 2