14. UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.Kungokunje iJiputa iyaphithizela,ityibilika emhlanzweni njengenxila.
15. Kulo lonke ke elaseJiputa,kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,abo baziwayo nabangazelwe nto,akukho namnye ungalivezayo icebo.
16. Ngaloo mihla ke amaJiputa aya kuba ngamatyutyusi amagwala. Aya kuphakuzela oyike akuqonda ukuba isandla *sikaNdikhoyo uSomandla-onke sijinga phezu kwawo.
17. AmaJiputa aya kurhwaqeliswa nakukukhankanywa oku kukaJuda; kuwo kosuka kuthi qatha isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.
18. Ngelo xesha ke kwisihlanu sezixeko zaseJiputa kobe kuthethwa ulwimi lwabemi baseKanana. Futhi xa bathethayo baya kufunga uNdikhoyo uSomandla-onke. Esinye sezixeko zakhona kothiwa sisiXeko seNtshabalalo.
19. Ngelo thuba ke eJiputa kuya kubakho iqonga likaNdikhoyo, kananjalo kubekho nentsika yelitye enikezelwe kuye phaya emdeni weJiputa.
20. Ezo zinto ke ziya kuba yimiqondiso yobukho bukaNdikhoyo uSomandla-onke apho eJiputa. Bothi ke abantu bakhona, xa bephantsi kwengcinezelo baze bakhale kuNdikhoyo, yena abathumele umhlanguli nomkhuseli wokubasindisa.
21. UNdikhoyo uya kuzityhila kumaJiputa, atsho amazi. Aya kumnqula ngamadini atshiswayo nangawokutya. Amadinga amenzele wona aya kuwafezekisa.
22. UNdikhoyo uya kuwohlwaya ngezibetho amaJiputa, kambe ke wobuya aphozise. Aya kuthi akubhenela kuye amaJiputa, uNdikhoyo asabele awanyange.
23. Ke kaloku kuya kubakho uhola wendlela esuka eJiputa iye kungena eAsiriya. Aye ke ama-Asiriya namaJiputa aya kuhambelana, futhi anqule kunye.
24. Ke ngelo thuba yena uSirayeli uya kuba kumgangatho omnye neJiputa neAsiriya, zizozithathu ezi zizwe zibe yintsikelelo ehlabathini.
25. Kaloku uNdikhoyo uSomandla-onke uya kuzithamsanqela, athi:“Nithamsanqelekile, bantu bam maJiputa!Nani msebenzi wezandla zam, ma-Asiriya, ndiyanithamsanqela!Nditsho nakuni, lifa lam elingamaSirayeli,ndithi nisikelelekile!”