5. USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –wofana namasimi entili yaseRefayim.
6. Kambe aya kuba khona amasalela.Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyokwasala mabini mathathu phezulu,mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
7. Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.
8. Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –imiqondiso yesithixokazi uAsherakunye namaqonga okuqhumisa.
9. Ngelo thuba izixeko ezikhuselweyo ziya kusala zize, zingamabhodlo akhula imithi namatyholo, ngokungathi zizixeko ezahlaselwa ngamaSirayeli.