6. Sivile ngokuzikhukumalisa kwamaMowabhi,elingako lona ikratshi nendelelo;ewe, angade abe ucikekile likratshi,kodwa ke, akulele nto apho.
7. Myeke ke uMowabhi abhomboloze.Mabamthelele uMowabhi nabo balile;mabenze isililo nesijwili xa bekhumbula amaqebengwane aseKir-hareshete.
8. Amasimi aseHeshbhon ayadodobala,nezidiliya zaseSibhema zitshabalele.Amakhosi ezizwe azixangxathile izidiliya zodidi,zona fudula zifikelela eYazere,zenjenjeya zithi xhaxhe ngentlango,amasebe azo ethe gaa ngolwandle.
9. Ngoko ke ndilila kunye neYazere;ndiyakhala ngezidiliya zaseSibhema;ndiyinyhididi, Heshbhon nawe Eliyali.Ewe kaloku, isivuno asibonwa,imivuyo nemincili iyalambatha.
10. Amasimi akezi namihlali nalonwabo;ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.Ezixovulelweni akusekho baxovuli;imiyiyizelo yabavuni iphelile.
11. Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;ngenene ndihlahlamba njengesigingci,ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.
12. AmaMowabhi aziduba nje ngokunyuka intaba esiya kunqula; yonke loo nto yinkcitha-xesha.
13. Olu ludaba awaluthetha kwamandulo uNdikhoyo ngokubhekiselele kwiMowabhi.
14. Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”