Uisaya 15:7-9 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.

8. Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.Eso sililo sivakala nase-Eglayim;eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.

9. Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:kuza kujub' ugodo kwaseleyo amaMowabhi!

Uisaya 15