Uisaya 14:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,ndiyicim' igama tu,kungabikho hlumelo nanzala.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.

23. Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”

24. *UNdikhoyo uSomandla-onke ufunge wathi:“Konke endikucwangcisileyo kuza kwenzeka;ziza kufezeka zonke iinjongo zam.

25. Ndiza kuwavikiva ama-Asiriya kweli lizwe,ndiwanyhashe tu entabeni yam,idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,usuke umthwalo emagxeni abo.

26. Ezi ke ziinjongo zam mayela nehlabathi jikelele;ingalo yam ijinga phezu kwezizwe zonke.”

27. UNdikhoyo uSomandla-onke ezimisele nje ke,ngubani ongema ngaphambili?Xa eyolule ingalo yakhe,ngubani ongabuya amjike?

28. Nalu udaba olundilisekileyo olwavakala nyakana wasweleka ukumkani uAhazi:

29. Ke wena, Filistiya, yithi rhubaxa!Ewe, musa ukuzikhohlisa uthi:“Intonga ebendibethwa ngayo yaphukile,”kuba kwakuloo mnombo kosuka kuthi gqi irhamba;inzala yalo ke inobuhlungu kangako.

30. Aya kuhlutha amahlwempu abantu bam,abahlelelekileyo bahlale bekhuselekile,ke wena ndikugengqe ngendlala,kungasali nditsho nempunde le!

31. Hlahlambani, masango;bhombolozani, nina zixeko!Ewe, tatazela urhwaqele, wena Filistiya!Kuba nanko umsi uthuquza kweliphezulu;loo mkhosi ke awunalo ityutyusi!

32. Kodwa kodwa singaphendula sithini ukuthetha namakhankatha eso sizwe?Ewe, sowaphendula sithi:“UNdikhoyo uyimise wayimilisela iZiyon,ngoko ke zozimela kuyo iintsizana zakhe!”

Uisaya 14