Uisaya 14:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.

2. Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.

3. Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,

4. niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:Yaz'ba utshitshe njani na lo mcinezeli!Ewe, akukho nkang' idubul' ingethi.

5. UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.

6. Nditsho lo ubuntlekez' abantu ngolunyakazi,obusitsho ngezithong' ezingaphelele ndawo,obutyakaty' izizwe ngengcwangu nengqumbo,owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.

7. Ngok' ihlabathi lixhaml' ikhefu ngenzolo,suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.

Uisaya 14