1. Ngaloo mini ke niya kudanduluka nisithi:“Ewe, ndiyakubulela, *Ndikhoyo,kuba nakuba ubundiqumbelesuka wetha umsindo wakho,wajika wena wandithuthuzela.
2. Ngenene uThixo ngumsindisi wam;ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.NgoNdikhoyo ndomelele ndide ndimemelele,kuba kaloku nguye ondihlangulayo.