18. Ewe, uNdikhoyo uthi:“Yizani, khe sithetha-thethane.Noba sewudyobheke wankone sisono,mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
19. Ukuba niyavuma ukundithobela,ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
20. Kambe ke xa ningafuni, nindivukela,niza kusuka nibe lixhoba lekrele.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
21. Ewe, kambe, sixekondini!Kade uyinzwakazi ngesimo,kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke.Wawufudul' uphuphuma lucwangco;ngenene wawulikhaya lamalungisa;ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.