Uisaya 1:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku uNdikhoyo uyakhala ngawe, Sirayeli; uthi:“Ngawani ke ngoko la madini angakanana?Mna ndidikiwe ziinkunzi zeegusha ezitshiswayo.Ndanele nangamanqatha enyama etyebileyo.Andisalifuni igazi leenkunzi zeenkomo,nditsho nelamaxhwane eegusha neebhokhwe.

12. Nide nize kum nje, nibizwe ngubani?Nisafuna ntoni apha kum?Hayi bo! Phezani ukuyixovula le nkundla!

13. Andizifuni izipho namadini aphuthileyo,kwankqu nesiqhumiso senu siyanditsarha!Andinamdla kwiimbizo neentlanganiso zenuzokuthwasa kwenyanga *noMhla wokuPhumla;amatheko anobugwenxa andikruqule.

14. “Ndiyawenyanya onke amatheko enu;nditsho nala okuthwasa kwenyanga.Kaloku ngoku asuke aluxanduva,ndaye ke ndidiniwe kukuluthwala.

15. “Nakukhongozela ngezandla nizibika,mna ndosuka ndiwavale amehlo am.Noba ningade nibhomboloze,andiyi kunikhathalela mpela;kaloku izandla zenu zinkone ligazi.

16. Khanizicoce nibe nyulu!Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;yekani ukwenza izinto ezinje;mandingaze ndiphinde ndizibone.

Uisaya 1