Uhosiya 8:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!Nal' ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.Kaloku bawaphule umnqophiso wam,suka bawuvukela umthetho wam.

2. Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’

3. Ngokutshikilela kwakhe okulungileyouSirayeli wathiwa mbende lutshaba.

4. Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;nto leyo iyintshabalalo kubo.

5. Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;koda kube nini benyhuku-nyhuku?

Uhosiya 8