Uhosiya 8:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!Nal' ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.Kaloku bawaphule umnqophiso wam,suka bawuvukela umthetho wam.

2. Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’

3. Ngokutshikilela kwakhe okulungileyouSirayeli wathiwa mbende lutshaba.

4. Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;nto leyo iyintshabalalo kubo.

5. Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;koda kube nini benyhuku-nyhuku?

6. Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli!Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo.Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.

7. “Bona bahlwayela umoya,kanti bavuna isaqhwithi.Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga;ngoko ke tu isivuno.Enoba besingade sifumanekebezingafikayo iintlanga zizenzele.

8. USirayeli uthiwe bimbilili.Utshone phakathi kwezizwe;unjengesitya ekungekho yaso mpela.

9. Usuke wanyukela eAsiriya,wanjengeqwarha elibhadulayo;uEfrayim uzithengisile kwizithandwa zakhe.

10. Angade aziqeshise, nditsho nakwiintlanga,kodwa ndosuka ndimqokelele.Phofu ke uya kuncipha,ingcinezelo yokumkani imthi nca.

Uhosiya 8