Uhosiya 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. xa ndandifuna ukumnyanga uSirayeli,suka badandalaza ubugwenxa bukaEfrayim,batyhileka ububi beSamariya.Kaloku bahleli ngobuqhophololo.Ngamasela aqhekezayo ebe;basisigqubu sezikrelemnqa esiphanga phandle.

2. Ewe, bona abaqondi tu,kanti izenzo zabo zithe thaa kum.Ngoku bajikelezwe zizenzo zabo;ziluzenge-zenge oluphambi kwam.

3. “Inkohlakalo yabo iyamvuyisa ukumkani;inkohliso yabo iyawavuyisa namaphakathi.

4. Bakrexeza bonke bephela;batshisa njengomlilo wokubhakaoyekwayo ungakhwezelwa ngumbhakiukusukela ekuxovuleni kwakhede inyuke intlama.

5. Ngomhla wetheko lokumkanisuka amaphakathi ashushu yiwayini,naye wabambana izandla nabahlekisi.

6. Kaloku iintliziyo zabo zinjengeziko;ewe, zona zivutha ngamayelenqe.Ingcwangu yabo ilala ubusuku bonke,kusasa idangazele njengomlilo.

Uhosiya 7