Uhosiya 5:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Bekan' iindlebe nive, babingeleli!Khaniphulaphule, ndlundini kaSirayeli!Qwalaselani niqiqe nani, makomkhulu,kuba kaloku ngoku zidla kuni.Kaloku nibe sisirhintyelo eMizpa,suka nina nangumgibe eTabhore,

2. suka nemba umhadi eShitim.Ukanti ke ndiza kunohlwaya xa ninonke.

3. Kaloku ndiyanazi, ndlundini kaEfrayim;ewe, Sirayeli, awufihlakalanga apha kum.Wena Efrayim, usahenyuza nangoku!Mh-mh-mh! Urhono-rhono, Sirayeli!

4. “Izenzo zabo zisuke zaxaba,zayivala indlela yokubuyela kuThixo wabo.Kaloku bathiwe fithi luhenyuzo;abamkhathalele nganto *uNdikhoyo!

5. Ikratshi likaSirayeli liyamjikela;uSirayeli noEfrayim baza kukhubeka bawe ngenxa yobugwenxa babo,kwanoJuda atsho akhubeke awe kunye nabo.

6. Baxhakazela behamba nemihlambi yabo,befuna uNdikhoyo ngamadini,kodwa soze bamfumane;kaloku yena urhoxile kubo.

7. Kaloku bona bayamphamba uNdikhoyo;ewe, bade bazale nemigqakhwe.Ke amatheko abo okuthwasa kwenyangaobaqwenga kunye namasimi abo.

8. “Hlokomisan' isigodlo eGibheya,nihlab' umkhosi ngexilongo eRama.Ze niwuvakalise naseBhetaven.IBhetaven, igama elithetha umzi wenkohlakalo, ligama ebizwa ngalo apha iBhetele, igama elithetha umzi kaThixoPhakath' emsini, wena Bhenjamin!

9. Yeka ke ngomhla wesohlwayo:uEfrayim yena ndomvuthulula.Nonke nina zindlu zikaSirayeli,yazini, kuba oku kuqinisekile.

Uhosiya 5