Unina usuke wahenyuza;lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.Kaloku yena wathi:‘Ndiya kulandelana nezithandwa zamezindinik' ukutya namanzi,uboya nelinen,amafutha kunye nesiselo.’