Uhosiya 2:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ewe, ndiya kumohlwayangenxa yemihla awayenqula uBhaliemenzela iziqhumiso,ezihombisa ngamaso nemisesane,esukelana nezithandwa zakhe,esuke wandilibala ke mna.”Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.

14. “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;ndomthundezela entlango,ndithethe naye kakuhle.

15. Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.Yena uya kundamkela,azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,mhla waphuma kwelaseJiputa.

16. “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”Utsho umlomo kaNdikhoyo.

17. “Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’angabi sabikho emlonyeni wakhe,angabi saphinda akhunjulwe.

18. Ngaloo mini ndobenzela umnqophisonamarhamncwa asendle,kunye neentaka zezulu,nezinto ezirhubuluza emhlabeni.Isaphetha nekrele nemfazwendozinqamla kweli hlabathi,ukuze konke nje kube luxolo.

19. Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,ngokunyaniseka nangenceba.

Uhosiya 2