Uhosiya 2:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nize nithi kubanakwenu: ‘Bantubam,’ koodade benu nithi: ‘Nonceba.’ ”

2. “Thethani nonyoko nimmangalele.Kaloku akasemfazi wam;nam ke andindoda yakhe.Yitshoni ahlukane nobuhenyu bakhe,akuyeke ukukrexeza akutsala ngamabele akhe.

3. Kungenjalo ndomhluba abe ze,abe njengamhla wazalwa.Ndomenza abe njengentlango,abe matwa nelo libharhileyo,ndimbulale ngonxano.

4. Andiyi kuba nanceba kubantwana bakhe;kaloku ngabantwana bobuhenyu.

5. Unina usuke wahenyuza;lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.Kaloku yena wathi:‘Ndiya kulandelana nezithandwa zamezindinik' ukutya namanzi,uboya nelinen,amafutha kunye nesiselo.’

6. Ndosuka ndimbiyele ngobobo;ndomakhel' udonga ndimvingcele,athinteleke kwindlela ahamba ngayo.

7. Wosukelana nezithandwa zakhe,phofu angaze azifumane.Uya kuba ngafuna-funaibe yinqaba ukuzifumana,ade asuke athi:‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;kwakubhetele ngoko kunangoku.’

8. Kaloku yena akaqondiukuba yayindim omnikayoingqolowa newayini namafutha,ndimvava ngesiliva negolide,waza wanqula *uBhali ngayo.

9. Ngoko ke ndoyihluthaingqolowa ngexesha layo,newayini ngethuba elimisiweyo;ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,izinto afihla ubuze bakhe ngazo.

Uhosiya 2