Uhosiya 2:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nize nithi kubanakwenu: ‘Bantubam,’ koodade benu nithi: ‘Nonceba.’ ”

2. “Thethani nonyoko nimmangalele.Kaloku akasemfazi wam;nam ke andindoda yakhe.Yitshoni ahlukane nobuhenyu bakhe,akuyeke ukukrexeza akutsala ngamabele akhe.

3. Kungenjalo ndomhluba abe ze,abe njengamhla wazalwa.Ndomenza abe njengentlango,abe matwa nelo libharhileyo,ndimbulale ngonxano.

4. Andiyi kuba nanceba kubantwana bakhe;kaloku ngabantwana bobuhenyu.

5. Unina usuke wahenyuza;lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.Kaloku yena wathi:‘Ndiya kulandelana nezithandwa zamezindinik' ukutya namanzi,uboya nelinen,amafutha kunye nesiselo.’

6. Ndosuka ndimbiyele ngobobo;ndomakhel' udonga ndimvingcele,athinteleke kwindlela ahamba ngayo.

7. Wosukelana nezithandwa zakhe,phofu angaze azifumane.Uya kuba ngafuna-funaibe yinqaba ukuzifumana,ade asuke athi:‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;kwakubhetele ngoko kunangoku.’

8. Kaloku yena akaqondiukuba yayindim omnikayoingqolowa newayini namafutha,ndimvava ngesiliva negolide,waza wanqula *uBhali ngayo.

9. Ngoko ke ndoyihluthaingqolowa ngexesha layo,newayini ngethuba elimisiweyo;ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,izinto afihla ubuze bakhe ngazo.

10. Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhephambi kwezithandwa zakhe,angahlangulwa bani kum.

11. Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –nditsho amatheko enyanga entsha,kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –yonke imisitho yakhe emisiweyo.

12. Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,le athi yena ukuyibiza:‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’Ndoyenza ibe lihlathi,idliwe ziinyamakazi zasendle.

13. Ewe, ndiya kumohlwayangenxa yemihla awayenqula uBhaliemenzela iziqhumiso,ezihombisa ngamaso nemisesane,esukelana nezithandwa zakhe,esuke wandilibala ke mna.”Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.

14. “Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;ndomthundezela entlango,ndithethe naye kakuhle.

15. Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.Yena uya kundamkela,azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,mhla waphuma kwelaseJiputa.

16. “Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’ungabi sathi: ‘Bhali wam.’”Utsho umlomo kaNdikhoyo.

17. “Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’angabi sabikho emlonyeni wakhe,angabi saphinda akhunjulwe.

Uhosiya 2