Uhosiya 13:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Fudula esithi akuthetha uEfrayimabantu bona bangcangcazela;ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli.Kodwa ke suka wazixabhela;suka wanqula uBhali waphutha.

2. Ngoku wongeza isono phezu kwesono;uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.Ewe, bubuchule bezandla zomntu.Ngoku ke sekusithiwa:“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”

3. Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa,njengombethe osuka uvuthuluke.Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya,umququ wesanda ophel' emehlweni,ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.

4. “Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Mna ndakukhuphulula eJiputa.AwunaThixo ngaphandle kwam,kungekho namsindisi ingendim.

5. Ndim owakulondolozayo entlango,ndakugcina kwilizwe lembalela.

6. Ndanondla natsho nahlutha,nathi ningahlutha nakhukhumala;ewe, nasuka nandilibala.

7. Ndosuka ndinihlasele njengengonyama;ndosuka ndinilalele njengengwe.

8. Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.Ndonidlavula njengemazi yengonyama,ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.

Uhosiya 13