1. Fudula esithi akuthetha uEfrayimabantu bona bangcangcazela;ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli.Kodwa ke suka wazixabhela;suka wanqula uBhali waphutha.
2. Ngoku wongeza isono phezu kwesono;uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.Ewe, bubuchule bezandla zomntu.Ngoku ke sekusithiwa:“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”