1. UEfrayim walusana nomoya;usukelana nolophu lwasempuma;imini yonke wandisa ubuxoki nobubhoja.Yena unqophisana neAsiriya;nango amafutha omnquma ewasa eJiputa.
2. *UNdikhoyo umangalela uJuda;uYakobi womohlwaya ngezono zakhe,ambuyekeze ngezinto azenzileyo.
3. Engekaveli wabamba umntakwabo,wamthi nqaku ngesithende.Ebudodeni wabambana noThixo,
4. wajijisana nesithunywa woyisa,wakhala ecela inceba.Wahlangana noThixo eBhetele,waza wathetha-thethana naye khona apho –
5. uNdikhoyo uThixo uSomandla.Gama lakhe ke nguNdikhoyo;uthuthwa ngalo xa enqulwa.
6. Ngoko ke buyela kuThixo wakho;gcina uthando nobulungisa,uhlale uthembele kuThixo wakho.
7. Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;yena uthanda ukuxhaphaza.
8. Kodwa uEfrayim uthi:“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”