5. Ngaloo mini ke kwintili eyiYizereli ndiya kuwaphul' iimpondo umkhosi kaSirayeli.”
6. UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela.
7. Kambe ke inceba yam iya kuthi rhoqo kwindlu kaJuda, ndiyihlangule ngoNdikhoyo uThixo wayo, kungengasaphetha nakrele, kungengamfazwe, kungengamahashe nabakhweli bawo.”
8. Akumlumla ke uGomere uAkenzelwanga-nceba, wamitha kwakhona, wazala unyana.
9. UNdikhoyo wathi: “Mthiye igama elinguAsibantubam, kuba aningabo abantu bam, ibe nam ndingenguye owenu.”
10. “Kambe ke amaSirayeli oba yinyambalala efana nentlabathi elunxwemeni lolwandle engenakulinganiswa nakubalwa ngenxa yobuninzi. Kuloo ndawo ebekufudula kusithiwa kuwo: ‘Aningobantu bam,’ kothiwa: ‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’