1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uHosiya unyana kaBheri ngexesha looUziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, kunye noJerobhowam unyana kaYowashe ukumkani wakwaSirayeli.
2. Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”
3. Ngoko ke uHosiya wathatha uGomere intombi kaDibhelayim, yaza ke yamitha, yamzalela unyana.
4. UNdikhoyo ke wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguYizereli. Kaloku sekumbovu ukuba ndiyohlwaye indlu kaYehu ngenxa yobutyadidi begazi elaphalazwa eYizereli. Ewe, ndiza kubuphelisa ubukumkani endlwini kaSirayeli.
5. Ngaloo mini ke kwintili eyiYizereli ndiya kuwaphul' iimpondo umkhosi kaSirayeli.”
6. UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela.
7. Kambe ke inceba yam iya kuthi rhoqo kwindlu kaJuda, ndiyihlangule ngoNdikhoyo uThixo wayo, kungengasaphetha nakrele, kungengamfazwe, kungengamahashe nabakhweli bawo.”
8. Akumlumla ke uGomere uAkenzelwanga-nceba, wamitha kwakhona, wazala unyana.