1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uHosiya unyana kaBheri ngexesha looUziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, kunye noJerobhowam unyana kaYowashe ukumkani wakwaSirayeli.
2. Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”
3. Ngoko ke uHosiya wathatha uGomere intombi kaDibhelayim, yaza ke yamitha, yamzalela unyana.