16. Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo.
17. Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.
18. “Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo.
19. Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula.
20. UNdikhoyo wayecatshukiswe kakhulu nanguAron, yaye ke naye wayeseza kumtshabalalisa, koko ke naye ndamthandazela kwangelo thuba.
21. Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.
22. “Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu.
23. NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele.
24. Okoko ndanaziyo mna nasoloko nivukelana naye uNdikhoyo.