1. “Niyabona ke, le miyalelo ndininike yona namhlanje ze niyithobele kangangoko, khon' ukuze niphile nande, ningene kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo.
2. Ngamana aningeyilibali indlela anikhokele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu kolu hambo lude kangaka ukucanda intlango, kula mashumi mane eminyaka, enifundisa intobeko, enilinga khon' ukuze aqonde ukuba niza kuyithobela kusini na imiyalelo yakhe!