12. “Ukuba nithe nayiphulaphula nayithobela le migaqo, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuthi rhoqo ukuwugcina umnqophiso wakhe nani, zithi ke nezibele zakhe ziphuphumele kuni ngokwesifungo sakhe kooyihlo.
13. Uthando lwakhe uya kulubonakalisa kuni, anithamsanqele kangangokuba niqhame nande. Intsikelelo yakhe yofikelela kuni, nizale abantwana, nasemasimini enu nivune ukudla okwaneleyo: okuziinkozo, iwayini, neoyile. Kanti ke neenkomo zenu uya kuzandisa, nditsho nempahla yenu emfutshane ngokunjalo. Yonke ke le nto uya kunenzele kwelo lizwe wanithembisa ngalo kooyihlo-mkhulu ngesifungo.
14. Ehlabathini liphela akuyi kubakho sizwe sithamsanqeleke njengani. Phakathi kwenu soze abekho umntu ngokunjalo nemfuyo engazaliyo.
15. UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo.
16. Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.
17. “Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’
18. Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela,
19. nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.