4. Apho kuloo ntaba uNdikhoyo wathetha nani ubuso ngobuso eselangatyeni lomlilo.
5. Ngelo thuba ke mna ndema phakathi kwenu noNdikhoyo ndinivakalisela awayekuthetha, kuba kaloku nina nasuka noyika nakubona umlilo, anavuma ukusondela entabeni.“UNdikhoyo wathetha nani, wathi:
6. ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa apho wawulikhoboka khona.
7. “ ‘Ungaze unqule thixo wumbi ngaphandle kwam.
8. “ ‘Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba.
9. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.
10. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.
11. “ ‘Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.