Uhlaziyo-Mnqophiso 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uMosis wawabiza onke amaSirayeli, waza wadanduluka wenjenje: “Hoyina, maSirayeli! Phulaphulani, nantsi imimiselo nemigaqo endiyibhengeza ezindlebeni zenu namhlanje. Yifundeni ngenyameko, nize niyithobele.

2. Kwintaba iHorebhe *uNdikhoyo uThixo wethu wenza umnqophiso nathi.

3. Lo mnqophiso akawenzanga noobawo nje qha, koko wawenza nathi sonke ngabanye, thina baphilayo namhlanje.

4. Apho kuloo ntaba uNdikhoyo wathetha nani ubuso ngobuso eselangatyeni lomlilo.

5. Ngelo thuba ke mna ndema phakathi kwenu noNdikhoyo ndinivakalisela awayekuthetha, kuba kaloku nina nasuka noyika nakubona umlilo, anavuma ukusondela entabeni.“UNdikhoyo wathetha nani, wathi:

Uhlaziyo-Mnqophiso 5