Uhlaziyo-Mnqophiso 4:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana

10. ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’

11. “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni.

12. UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela.

13. Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.

14. UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”

15. “Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine,

16. ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi,

17. isilwanyana okanye intaka,

18. into erhubuluzayo noba yintlanzi.

19. Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule.

20. Ke nina ningabantu uNdikhoyo abahlangule eJiputa kwiziko lomlilo. Wanikhupha apho, khon' ukuze anenze abantu bakhe ncakasana njengokuba kunjalo namhlanje.

21. “Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona.

Uhlaziyo-Mnqophiso 4