42. apho umntu wayengaphephela khona, ukuze asinde xa ebulele umntu ongelotshaba lwakhe ngengozi. Xa ebalekele kwezi dolophu wayengenakubulawa.
43. Indlu kaRhubhen wayinika idolophu yaseBhezere kweso sithabazi sentlango; indlu kaGadi yona wayinika iRamoti kwelaseGiliyadi; waza ke yona indlu kaManase wayinika iGolani eBhashan.
44-46. Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa.
47. Bema emhlabeni wakhe, ngokunjalo nakokaOgi ukumkani waseBhashan phesheya kweJordan, owayengomnye wookumkani ababini aba bama-Amori.
48. Lo mhlaba ke wawusuka eArure ekungeneni komlambo iAnoni, ugongothe unyuke uyokutsho kwintaba iSiriyon (okanye intaba iHermon).
49. Kwangokunjalo wawuthatha nengingqi ephesheya kweJordan uhle uyokutsho kuLwandle oluFileyo, empuma uyokurheca amazantsi entaba iPisga.