Uhlaziyo-Mnqophiso 4:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.

3. Nazibonela ngokwenu into awayenzayo uNdikhoyo eBhali-pehore. Wabatshabalalisa bonke ababenqula uBhali wasePehore,

4. kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla.

5. “Niyabona ke, ndinifundise yonke imimiselo nemigaqo ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wam, khon' ukuze niyithobele nakulizuza elo lizwe niza kungena kulo.

6. Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’

7. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?

8. Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje?

44-46. Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa.

Uhlaziyo-Mnqophiso 4