11. “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni.
12. UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela.
13. Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.
14. UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”
15. “Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine,
16. ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi,
17. isilwanyana okanye intaka,
18. into erhubuluzayo noba yintlanzi.
19. Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule.
20. Ke nina ningabantu uNdikhoyo abahlangule eJiputa kwiziko lomlilo. Wanikhupha apho, khon' ukuze anenze abantu bakhe ncakasana njengokuba kunjalo namhlanje.
21. “Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona.
22. Ngoko ke mna andizukuwuwela umlambo, koko ndiza kufela apha, kodwa ke nina seniza kuwela niye kuma kwelo lizwe lendyebo.
23. Zigcineni kunene, ningaze niwulibale umnqophiso ophakathi kwenu noNdikhoyo uThixo wenu, nisuke niwugqithe umyalelo wakhe, niziqingqele umfanekiso noba ngowantoni na.
24. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ngumlilo olenyayo; unguThixo onekhwele.
25. “Naxa senaluphele kwelo lizwe, senide nanabantwana nabazukulwana, ukuba nithe nona ngokuziqingqela umfanekiso, noba ngoluhlobo luni na, nenza okubi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, niyamcaphukisa.
26. Ke ngoko namhlanje izulu nomhlaba ngamangqina am: ukuba nithe nenjenjalo niya kukhawuleza ningabikho kwelo lizwe. Aniyi kuhlala thuba lide phaya phesheya kweJordan, kweli lizwe niya kulo ngoku. Niya kutshatyalaliswa niphele tu.