Uhlaziyo-Mnqophiso 4:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’

11. “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni.

12. UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela.

13. Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.

14. UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”

15. “Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine,

16. ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi,

17. isilwanyana okanye intaka,

18. into erhubuluzayo noba yintlanzi.

19. Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule.

Uhlaziyo-Mnqophiso 4